Huuuntshu! Sivuyisana nawe kweli nqanaba ufikelele kulo lokuphumelela imatriki okanye ukuthweswa isidanga. Kuzakulandela ntoni ngoku? Ukhe wacinga ngokuthatha unyakwa wekhefu ngaphambi kokuba uzibophelele kwinto elandelayo?
Kuthetha ukuthini ukuthatha unyaka wekhefu?
Abantu abaninzi xa besiva ngonyaka wekhefu, okanye i-gap year, ngabula makhumsha, bacinga ngokutyelela phesheya. Kanti ke, akukho mfuneko yoko kuba manintsi amathuba kwalapha ekhaya ongawafumana xa ugqibe kwelokuthatha unyaka wekhefu.
Ukuthi xha ezifundweni zakho okwexeshana, ukuthatha unyaka wekhefu ke ukutsho, kungaba nje ziinyanga ezintathu ukuya kunyaka wonke emva kwematriki okanye emva kokuba ugqibe izifundo zakho. Eyona nto ibalulekileyo ekuthatheni eli xesha kukuze ukwazi ukuphuhlisa izakhono zakho, amava ngokomsebenzi kunye nokuzazi uziqonde ukuba ungubani kanye kanye. Into oyenzayo ngeli xesha ixhomekeke kwiinjongo zakho kunye nezinto ozithandayo.
Nolwazi uthi…
Unyaka wekhefu ocwangcisiweyo okanye onyanzelweyo…
Kuneentlobo ezimbini zonyaka wekhefu. Ngulowo ucwangcisiweyo kunye nonyanzelweyo. Unyaka wekhefu ocwangcisiweyo kuxa wena uzikhethela, ngokuzithandela kwakho, ukuthi xha ezifundweni zakho. Amaxa amaninzi sukuba unecebo lokubona amazwe okanye lokuvolontiya. Ke wona unyaka wekhefu onyanzelweyo, amaxa amaninzi, wenzeka xa sukuba iziphumo zakho zematriki okanye izicelo ozifakileyo kwiiyunivesithi zingahambanga ngale ndlela ubucwangcise ngayo; nto leyo ke ngoku ikushiya nexesha elininzi ezandleni zakho obungalilindelanga. Xa uthe wazifumana unyanzelekile ukuba uthathe unyaka wekhefu, lisebenzise eli xesha ukubhala kwakhona imatriki yakho okanye uphuhlise iziphumo zakho.
Unyaka wekhefu ngenye yeendlela ekubonisa amathuba angaqhelekanga namava ongewungakhange uwabone ukuba ubusebenza okanye ufunda. Lo nyaka ukupha amathuba okuvolontiya kwizinto okanye kwimisebenzi oyithandayo kwaye ujongane nokukhula nokuphuhla kwakho ungumntu. Eli lixesha elihle lokuphucula izakhono zakho zemisebenzi yengomso okanye ukonga imali yezifundo zakho. Xa ke ngoku ucwangcisa unyaka wakho wekhefu, khangela amathuba anxulumene neenjongo namaphupha akho omsebenzi. Umzekelo: ukuba ufuna ukuba ngutishala/titshalakazi, ungacinga ngokusebenza njengomcebisi kwinkampu (i-camp counsellor ngelasemzini), umncedi ngezemfundo (i-tutor) okanye ufundise isiNgesi kwiinkundla ze-intanethi.
Ubusazi ukuba ungakwazi ukuwufaka lo nyaka wekhefu kwi-CV yakho? Ewe, kunjalo! Kaloku umsebenzi onemfundo kunye namava omsebenzi, ubalasele ngaphaya kunalowo unemfundo kuphela. Ngoko ke, abaqashi bamjonga ngeliso elikhethekileyo umntu onamava awafumene kunyaka wekhefu. Ukuthabatha unyaka wekhefu kunokubonisa ukuba ungumntu okhaliphileyo, onomdla wolwazi, othanda ukusebenza, oyinkokheli, nezinye izakhono ozifumene ngeli xesha.
Yintoni ongayenza apha ekhaya okanye ekuhlaleni?
I-Ditshego isebenzela uluntu lwaseMooiplaas (eSpruit). Iinkqubo zabo ezisekwe kuluntu zibonelela ngononophelo nenkxaso kubantwana abachatshazelwa bubuhlwempu. Ukuvolontiya apha lithuba elihle lokuba ube negalelo ngqo kubomi babantwana abasweleyo ngelixa ufumana amava emsebenzini wezentlalo nakwiinkonzo zoluntu
Xa ungumntu othanda ukwenza imisebenzi eyonwabisayo yangaphandle, ungacinga ngokuba ngumcebisi kwinkampu yasehlobo eSugar Bay. Le nkqubo yeyona ingahambelana nawe ukuba unomdla wokusebenza nabantwana kwaye uyakonwabela ukusebenza emaphandleni okanye kwiinkampu. Njengomcebisi, uya kuncedisa ukuqhuba imisebenzi yenkampu kwaye uqinisekise ukhuseleko ebantwaneni.
Tyelela i-ForGood ukuze ufumane inkqubo yokuvolontiya ehambelana namaphupha neminqweno yakho. Eli qonga lidibanisa amavolontiya nemibutho eyahlukeneyo engenzi nzuzo (non-profit organisations) apha eMzantsi Afrika. Akukhathaliseki ukuba iminqweno yakho ikwezemfundo, kwezempilo, intlalontle yezilwanyana, okanye ulondolozo lwendalo esingqongileyo, kodwa kukho ithuba lokuvolontiya elikulindeleyo.
Hlala unolwazi ngamathuba angakunceda njengolutsha lwasekuhlaleni ngokutyelela i-SAYouth.mobi okanye i-YES4Youth. Eli qonga labelana ngeenkcukacha neenkcazelo ngeenkqubo ezahlukeneyo, ukufundela umsebenzi (ii-internships), namathuba engqesho kubantu abatsha. Ingumthombo omhle wokukunceda ufumane eyona nto ilungele izicwangciso zakho zonyaka wekhefu.
Qala ngoku uhlole le mibutho nezi ndawo ukuze ufumane elona thuba lifanelekileyo lonyaka wakho wekhefu.
Imithombo
Business News Daily: Want to Take a Gap Year? 7 Ways to Make It a Productive One
Sizanani: Post matric, gap year, jobs & businesses
The Village: Post Matric Options: The Gap Year Guide
University of Witwatersrand: Managing a Forced Gap Year


