Skip to main content Scroll Top

IiNdleko eziFihlakeleyo zokuNgcakaza

  • Home
  • Debt
  • IiNdleko eziFihlakeleyo zokuNgcakaza

La R200 yokubheja uyisebenzisileyo iinendleko ezingaphaya kunokuba ucinga.

Uninzi lwabantu luyazi ukuba ukungcakaza kuyayichitha imali. Kodwa akupheleli apho, imali sisiqalo nje. Ukungcakaza kunokuchaphazela impilo yakho yengqondo ngokuthe cwaka, kuze kulandele ubudlelwane onabo nabantu obathandayo, kunye nekamva onalo lezezimali – ngaphambi kokuba uqaphele ukuba sele ungene nzulu kangakanani.

Umonakalo kwimpilo yakho yengqondo

Ingxaki yokungcakaza sisifo esaziwayo sempilo yengqondo. Abantu abakhonkxwe ngumkhuba wokungcakaza badla ngokuziva bexhalabile, benoxinzelelo lwengqondo, kwaye beneentloni okanye behlazekile. Ukuhlala ulahlekelwa yimali, uze umana uzama ukuyibuyisa, kodwa iphinde ikulahlekele, kudala uxinzelelo lwengqondo.

IBhodi kaZwelonke yoNgcakazo, i-National Gambling Board, ithi inani labantu abathunyelwa kunyango lwempilo yengqondo ngenxa yokungcakaza lenyuke nge55% kunyakamali ka2024/25. Uninzi lwaba bantu lulutsha oluphakathi kweminyaka eli18 ukuya kuma35.

Iingcali zempilo yengqondo zikwabika ukuba ukuzibulala okunxulunyaniswa neengxaki zokungcakaza nako kuyanda.

Ngokutsho koMbutho wezeMpilo weHlabathi (World Health Organisation), ehlabathini jikelele, abantu abaneengxaki zokungcakaza banomngcipheko wokuzibulala ophindwe malunga nakali15 xa bethelekiswa nabanye abantu.

Umonakalo kubudlelwane bakho

Xa ukungcakaza kusiya kuba sisiqhelo, abantu baqala ukukufihla. Uphando lubonisa ukuba ukufihla ukungcakaza kudla ngokuba luphawu lokuqala olubonisa ukuba lo mkhwa sele uyingxaki.

Ucima iiephu (apps) ngaphambi kokuba iqabane lakho livule ifowuni yakho.

Uyakuphepha ukufowunelwa lusapho kuba uyazi ukuba baza kucela imali ongenayo.

Ukuxoka nokuzikhesa kubatyhalela kude abantu. Ukuthembana kuya kuphela kancinci kancinci, kwaye kudla ngokuthathatha ixesha ngaphambi kokuba kuphinde kuthenjwane.

Umonakalo kwikamva lakho

Nantsi indlela lo mgibe ulityala esebenza ngayo. Ulahlekelwa yimali. Uzame ukuyibuyisa loo mali usebenzisa imali ongenayo. Ugqibele ungenayo imali eyaneleyo, ze umatshonisa aqale abonakale esisisombululo. Soze abe siso isisombululo!

Ababolekisi abangekho sesikweni babiza inzala ephezulu ekhula ngokukhawuleza kunokuba unako ukuyihlawula. Amanqaku akho okuthenga ngetyala (credit score) ayonakala, kwaye kuba nzima ngakumbi ukufumana imalimboleko okanye ukuqesha indawo yokuhlala.

Uphando lwe-Old Mutual luka2025 lufumanise ukuba i-52% yabantu baseMzantsi Afrika abasebenzayo bayangcakaza. Malunga ne40% yabo ingcakaza ngethemba lokuhlawula iindleko okanye ukuhlawula amatyala asele ekhona.

Ukungcakaza akuzisombululi iingxaki zamatyala. Kwenza izinto zibe mandundu nangakumbi.

Yintoni onokuyenza endaweni yoko?

  • Xelela umntu omthembileyo ukuba unengxaki.
  • Cinga ngokuthatha le R200 ubuza kubheja ngayo ze uyohlule kubini. Sebenzisa isiqingatha sayo ukuhlawula ityala onalo ngezavenge. Sebenzisa esinye isiqingatha ukuqala into encinci, njengokuthenga isitokhwe ongasithengisa, okanye ungabonelela ngenkonzo efana nokuncedisa abantwana besikolo ngezifundo zabo okanye ukubhalela abantu ii-CV, okanye ukuqala utyalo-mali oluncinci ngeqonga elifana ne-EasyEquities.
  • Ziphe umlinganiselo wemali yenyanga ngenyanga yokuxhasa usapho, ze ungagungqi kuloo mlinganiselo. Ukunceda abanye kulungile, kodwa akunjalo ukuba kukushiya usokola.

Izigqibo ezincinane nezingaguquguqukiyo ezenziwa namhlanje zingadala inkululeko yokwenene kwixesha elizayo. Ukungcakaza akunakuyenza loo nto.

Ukuba uzifumana ungakwazi ukuzikhwebula ekungcakazeni, uncedo luyafumaneka. Nxibelelana ne-South African Responsible Gambling Foundation:

U-WhatsApp: 076 675 0710
Inombolo yasimahla: 0800 006 008
I-imeyile: helpline@sargf.org.za

Hi there, we can't wait to share our content with you. Please help us send you information that is most relevant to you.