Skip to main content Scroll Top

School-leavers: How to navigate your future (IsiXhosa)

  • Home
  • Youth
  • School-leavers: How to navigate your future (IsiXhosa)

Ubusazi ukuba kubomi bakho bonke, uya kuchitha iiyure eziqikelelwa kuma-80,000 usebenza? Ngoko ke kubalulekile ukufundela umsebenzi oza kukwanelisa nohambelana nezakhono zakho, izinto onomdla kuzo, kunye nohlobo lomntu onguye. Esi sisigqibo esikhulu ekufuneka wonke ubani esenzile, kodwa ungakhathazeki, silapha ukunceda.

1 Ndingubani mna?

Ukuze ukwazi ukukhetha umsebenzi okufaneleyo, kufuneka uqale uzazi ukuba ungubani na. Ixesha lesikolo samabanga aphakamileyo, kunye neminyaka embalwa emva koko, lixesha elifanelekileyo lokuziphonononga nokuzazi. Fumana indawo ezolileyo, hlala phantsi uzibuze le mibuzo: Ndingubani? Ndithanda ukuchitha ixesha lam njani? Yintoni eyenza ubomi bam bube mnandi kwaye bube nentsingiselo? Zeziphi izinto endigqwese kuzo, izeziphi endingagqwesanga kuzo? Fumana iimpendulo zakho kuyo yonke le mibuzo ngokwenza izinto ezahlukeneyo, njengokuzama imisebenzi emitsha okanye ukuvolontiya kwiinkampani ezenza umsebenzi okukhuthazayo. Enye yeendlela yokuzazi ngcono kukwenza uvavanyo olubonisa ukuba ungumntu onjani, vavanyo olo olwaziwa njenge-personality test ngesiNgesi. Olu luvavanyo olubonisa uhlobo lomntu onguye, izinto onomdla kuzo, izakhono zakho, kunye nezinto ongagqwesanga kuzo, ukuze ukwazi ukubona ukuba ngowuphi umsebenzi oya kukufanela ngcono.

2 Yintoni endikwazi ukuyenza?

Kubalulekile ukukhetha umsebenzi ohambelana nezakhono zakho. Umzekelo: ukuba ulichule ekuthetheni esidlangalaleni, ungalungelwa ngumsebenzi wokuba ngumsasazi weendaba okanye isithethi esikhuthazayo. Ukanti neziphumo zakho esikolweni zinokukunceda uqonde indlela ongayihamba okanye izakhono zakho, kodwa eyona ndlela ingcono yokwenza oku kukwenza uvavanyo lwezakhono (i-aptitude test ngelasemzini).

Nolwazi uthi…

Ndingalwenza phi uvavanyo lokuzazi ukuba ndingumntu onjani (personality test) kunye novavanyo lwezakhono (aptitude test)?

  • Ezinye izikolo zinabacebisi abahlala ngaphakathi – yenza idinga nabo, uyokuthetha nabo.
  • Ukuba abazali bakho okanye abo ugcinwe ngaphantsi kwabo banayo imali, yenza idinga nomcebisi wezemisebenzi oqeqeshiweyo kwindawo ohlala kuyo.
  • Zininzi iindlela zokuzivavanya ukuba ungumntu onjani kwi-intanethi kwanokuzivavanyela izakhono. Ezinye zazo zingcono kunezinye, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba kufuneka zikubonise ukuba ungumntu onjani kwaye zeziphi  izakhono onazo ezinkqenkqeza phambili. I-16Personalities ikunceda ukuba ubone kwaye uzazi uhlobo lomntu onguye kwaye iphinde ikucebise ngemisebenzi ehambelana nezakhono zakho.

Kukho amaziko emfundo ephakamileyo ahlukakhukeneyo kwilizwe liphela. La maziko abandakanya iiyunivesithi zikarhulumente, iikholeji zeTVET zikarhulumente, kunye namaziko emfundo ephakamileyo abucala abonelela ngemfundo esisigxina, eyexeshana (part-time studies) okanye ukufunda uhlala ekhaya (distance learning). Unokukhetha phakathi kwesatifikethi, idiploma okanye isidanga. Esizama ukukuvelisa kukuba, unenqwaba yezinto ongazikhetha. Konke kuxhomekeke kwiziphumo zakho nemeko yakho yezezimali.

Nolwazi uthi…

I-Post Matric iya kukunceda ngeengcebiso ngekhondo lomsebenzi ongalithabatha kunye neengcebiso zemfundo. Unokufunda amabali akhuthazayo abemi boMzantsi Afrika abohlukeneyo kunye nemisibenzi abayikhethileyo.

I-National Career Advice Portal sisixhobo sokuzinceda kwi-intanethi esikunceda wenze izigqibo ngekhondo lomsebenzi kunye nezemfundo.

Yeyiphi imiqobo esendleleni yam?

Wonke umntu uneemeko ezahlukeneyo zobomi. Ezi meko ziya kuchaphazela ukukhetha kwakho umsebenzi kunye nezinye izinto ezibalulekileyo.

Eyona nto ihamba phambili yimali, ixesha, kunye noxanduva ojongene nalo. Nazi ezinye izinto ekufuneka uziqwalasele: iindleko zizonke zemfundo yakho – ezinye izidanga zithatha ixesha elide ukuziphumelela kwaye zibiza kakhulu. Ingaba abazali bakho bangakwazi ukukuhlawulela, okanye kufuneka uboleke imali? Ingaba unabo abantu abaxhomekeke kuwe okanye kukhona uxanduva losapho/lwekhaya olujongene nawe? Oku kuya kuba nefuthe ekukhetheni kwakho indawo iyunivesithi oyifunayo ekuyo kunye nexesha / indlela yokufunda eya kukusebenzela. Usenokunyanzeleka ukuba ufunde kufutshane nekhaya, ufunde usekhaya (distance learning) okanye uthathe izifundo zethutyana (part-time studies).

Enye into eya kukunceda kukuba ujonge ukuba lo msebenzi uwukhethileyo uya kukwazi na ukuba ukuncede uhlawule iindleko zakho zantsuku zonke, amatyala, iindleko zabo baxhomekeke kuwe, kunye nezinye iindleko. Okokugqibela, ukuba ungumntu okhubazekileyo, kubalulekile ukuba wazi oku: amanye amaziko emfundo ephakamileyo afikeleleka lula kunamanye – ngoko yenza uphando lwakho kwangethuba.

Ewe, kuninzi okufuneka ukwenzile nokufuneka ukukhethile, kodwa ungakuvumeli ukuba kukutyhafise! Khumbula, usenalo ixesha.

Hi there, we can't wait to share our content with you. Please help us send you information that is most relevant to you.