Skip to main content Scroll Top

The school-leaver checklist (IsiXhosa)

  • Home
  • Youth
  • The school-leaver checklist (IsiXhosa)

Uziva njani xa ucinga ngobomi bakho emva kwematriki? Ingaba unovuyo okanye unovalo?

Kunokwenzeka ukuba awusakwazi nokuzibamba kuba sele uzijonge ngamehlo abomvu izinto ofuna ukuzenza emva kokuba uphumelele imatriki. Mhlawumbi apho ulijolise khona kuseyunivesithi, ukuthatha unyaka wekhefu, okanye ukufumana umsebenzi ukuze uqalise ukwenza imali. Okanye mhlawumbi ingcamango yokushiya abahlobo bakho ikwenza uzive usoyika yaye unexhala? Ubomi emva kwebanga lematriki bunokuba mnandi ukuba ukhetha ukubujonga ngolo hlobo.

Khumbula: Okubalulekileyo koko kuza kuqala. Eyona nto ibalulekileyo, ngaphaya kokuphumelela imatriki yakho, kukujonga izinto onokukhetha kuzo kwaye ufumane oko kukusebenzelayo wena.

Nalu uluhlu lwezinto olufanele abo bagqibezela isikolo, ukubanceda balungiselele lo mdaniso siwubiza ngokuba bubomi!

1 Zazi

Cinga ngeyona nto uyifunayo ngaphambi kokuba uthathe izigqibo ezinkulu. Yintoni eyona nto uyithanda kunene? Eli lixesha elihle lokuphonononga izinto onomdla kuzo kwaye uzibekele iinjongo.

  • Zibuze oku: “Yintoni endiyithandayo?
  • Wazi amandla akho. Yintoni obalasele kuyo? Yintoni onokuyenza ngokulula ngelixa abanye ibohlula?
  • Beka iinjongo zexesha elifutshane nezexesha elide. Uzibona uphi kunyaka ozayo nakwiminyaka emihlanu ezayo?
  • Zifumanele umcebisi. Inganguye nabani na omthembileyo kwaye onokukukhokela kolu hambo oluya empumelelweni. Isenokuba lilungu eliphezulu kuluntu, umqeqeshi ngobomi (life coach), okanye umntu okulo msebenzi unomdla kuwo.

2 Cinga ngezinto onokukhetha kuzo

Noxa nje ingekho indlela “elungileyo” onokuthi uyithathe emva kwebanga lematriki, kuyanceda ukuba nezinto ezimbalwa ongakhetha kuzo ukuze ungagqibeli usenza “nantoni na”. Makhe sixoxe ngezinye iindlela onazo:

  • Wenza njani xa ungenaso isiqinisekiso sematriki? Ungaphinda ubhalise esikolweni sakho okanye kwesinye isikolo, e-Further Education & Training Institute, okanye ufunde usekhaya (distance learning). INkqubo yeSebe leMfundo esiSiseko ebizwa ngokuba yiSecond Chance ikuvumela ukuba uphucule okanye ugqibezele izifundo zakho zematriki, isifundo ngesifundo, ngokuthatha izifundo zethutyana (part-time studies) ngaphandle kweendleko ezongezelelweyo.
  • Ingaba ufuna ukufunda? Kukho uluhlu olubanzi lwamaziko emfundo ephakamileyo onokukhetha kuwo – ukusuka kwiidyunivesithi, iidyunivesithi zobuchwepheshe (iiTVETs), kunye neekholeji zabucala, ukuya kukhetha ukufunda uhlala ekhaya (distance learning) kunye nezifundo ezimfutshane ze-intanethi (short online courses). Ukungena kwezinye zezi kuxhomekeke kwiziphumo zezifundo zakho. Neendleko ziyahluka kwaye zixhomekeke kwinto oyifundayo, iminyaka oyifundayo, nokuba ufunda uhlala ekhaya okanye kufuneka ufuduke.
  • Kunzima ukuthatha isigqibo? Ungakhangela nomsebenzi, uziqalele elakho ishishini, ufune ukuqeqeshelwa umsebenzi ohlawulelwayo (internship) okanye uthathe unyaka wekhefu.

Nolwazi uthi…

Ukhumbule ukugcwalisa kwaye ungenise izicelo ngaphambi komhla wokugqibela. Seta isikhumbuzi kwifowuni yakho, kwiveki phambi komhla wokuvala.

3 Hlala amaxwebhu elungile

Nokuba ufaka isicelo eyunivesithi, uthatha unyaka wekhefu okanye ufumana umsebenzi, uya kudinga amaxwebhu ashicilelweyo okanye edijithali.

4 Yisebenzise ngengqiqo imali

Ukukwazi ukulawula imali yakho ngobulumko kubalulekile ukuze uqonde indlela yokucwangcisa imali yakho, ukonga, nokulawula iindleko.

  • Funda ngeendlela zokulawula imali yakho apha. Sinamanqaku ngezihloko ezahlukeneyo, ukusuka kucwangciso lwezemali ukuya kwezoshishino.
  • Ukuba ufuna ukufaka isicelo senkxaso-mali ukuze uqhubele phambili ngezifundo zakho, qiniseka ukuba uyayiqonda yonke into edibanisele nemali-mboleko yabafundi kunye nezicwangciso zayo zentlawulo.
  • Vula iakhawunti yebhanki.

Nolwazi uthi…

Ukuba awunayo ifowuni, idatha okanye iWi-Fi ekhaya, ndwendwela ithala leencwadi lengingqi yakho. Amathala eencwadi ahlala eneWi-Fi, kwaye avumela ukusetyenziswa kweekhompiyutha kunye nezishicileli simahla okanye ngentlawulo encinci.

5 Phuhlisa izakhono zobomi ezisisiseko

Nokuba ukhetha ntoni ebomini, ezi zakhono zisisiseko ziya kuhlala ziluncedo:

  • Funda ukupheka, ukucoca indlu, nokwenza eminye imisebenzi yasekhaya.
  • Nceda amalungu osapho okanye abahlobo ngabantwana babo. Ukuba namava ekuhoyeni abantwana kuya kusoloko kukunceda ngeendlela ezininzi.
  • Ukubamba ixesha nokuba nobuchule bokulungelelanisa ubomi bakho kubalulekile. Funda ukubeka izinto ezibalulekileyo phambili, ukufika ngexesha kumadinga akho, kwaye usebenzise idayari okanye ikhalenda ukukhumbula amadinga okanye izithembiso zakho.
  • Ukukwazi ukuthetha nokuphulaphula kubalulekile esikolweni okanye emsebenzini. Zama ukufunda ukuvakalisa iingcinga zakho ngokucacileyo kwaye umamele ngenkuthalo.
  • Volontiya kwindawo onomdla kuyo. Yindlela entle yokusebenzela uluntu lwakho ngelixa uziqhelanisa nezakhono zobomi kwaye udibana nabantu abanengqondo efanayo neyakho. Umsebenzi wexesha elide wokuvolontiya kwi-CV yakho ubonisa ukuba ungumntu okwaziyo ukuthatha uxanduva.

Ukugqiba esikolweni lutshintsho olukhulu ebomini, kodwa ikwalithuba elimangalisayo lokubumba ikamva lakho. Nokuba uya eyunivesithi okanye uya ngqo emsebenzini, khumbula ukuba olu hambo lolwakho wedwa. Hlala unomdla wolwazi, ungoyiki ukucela uncedo, kwaye wamkele oko ukufumanayo. Soze uhlulwe nto!

Eminye imithombo ongafunda kuyo
FundiConnect 

Imithombo
Health and Welfare Sector Education and Training Authority: Guide to Leaving School
Post Matric: Guidance: Where to next? Plan your future
Praxis: What To Do After High School: A Comprehensive Guide
Vuk’uzenzele Newspaper: Post-matric opportunities for youth

 

Hi there, we can't wait to share our content with you. Please help us send you information that is most relevant to you.